INGXELO KUMAJELO EENDABA: UKUPHEHLELELWA KWESICWANGCISO ESIHLANGENEYO SOPHUHLISO - 4 AGASTI 2009
Yintoni isizathu sokumiselwa kweSicwangciso seMinyaka emi-5?
ISicwangciso seMinyaka emi-5 seSixeko saseKapa, esikwaziwa ngokuba siSicwangciso esiHlanganisweyo soPhuhliso (IDP), sisicwangciso-qhinga sophuhliso, esimisela imisebenzi ephambili yocwangciso neyohlahlo-lwabiwo-mali. Esi sicwangciso siphengululwa rhoqo ngonyaka. Injongo ephambili yeSicwangciso esiHlanganisiweyo soPhuhliso luhlumo lwezoqoqosho olukhokelwa zizixhobo zokusebenza nto leyo eya kudala amathuba engqesho yaye itsale umdla wotyalo-mali kwisixeko noluza kuba yinzuzo kubahlali ngokubanzi. Isicwangciso seminyaka emi-5 sinokuthatyathwa njengesicwangciso esihlangeneyo sobandakanyo loluntu, iSixeko nabachaphazelekayo ngenjongo yokuqinisekisa isixeko esinempumelelo.
Yintoni etshintshiweyo kwisicwangciso seminyaka emi-5 kulo nyaka uphelileyo?
Ukuqinisekisa ukuba siqhubeka sihamba kwikhondo elilungileyo ngokuphathelene neyona Njongo yethu iphambili yohlumo lwezoqoqosho olukhokelwa zizixhobo zokusebenza, kuyimfuneko ukuba sisiphengulule rhoqo ngonyaka iSicwangciso sethu esiHlangeneyo soPhuhliso yaye senze izilungiso ezithile emva kokubonisana nabahlali. ISicwangciso sethu esiHlangeneyo soPhuhliso kuyimfuneko ukuba sithathele ingqalelo inguqu kuqoqosho lwehlabathi nakuqoqosho lwengingqi kulo nyaka uphelileyo nayo nayiphi na eminye imiceli-mngeni enokuvela.
Okokuqala, uqoqosho lwehlabathi lujongene nomjikelo wokuhla ngokumandla, nto leyo ekwenza impembelelo yayo ivakale apha eMzantsi Afrika.
Okwesibini, ukunqongophala kwezakhono zobuchwepheshe kuMzantsi Afrika ngokubanzi kuba ngoyena mceli-mngeni uphambili kuhlumo loqoqosho nakunikezelo ngeenkonzo ngurhulumente.
Okwesithathu, iqondo eliphezulu lokufudukela kwidolophu yaseKapa kuthetha ukuba usapho ngalunye olufumana indlu ngoku, kusekho ama-350 eentsapho ezilindileyo. Iqela leziganeko ezenzeke kulo nyaka uphelileyo, kuqukwa neziganeko zoqhankqalazo nokungena ngesinyanzeliso kwizindlu, zibonisa ukuba le meko ingadala inguqu kwintlalo yethu.
Okwesine, iqela lezifundo zophando lubonise inkxalabo ekhulayo ngozinzo nokugcinwa kwemithombo yamanzi namandla ombane kwiNqila yeKapa, yaye zikwabonakalise iingozi ezayanyaniswa nokutshintsha kwemozulu nokunyuka kwamaqondo amanzi olwandle.
ISicwangciso sethu esiHlangeneyo soPhuhliso esiphengululweyo sonyaka-mali ka-2009/2010 siyaqhubeka nokugxininisa kwezona nkalo zesicwangciso-qhinga ezazimiselwe kwiminyaka emibini edlulileyo. Nangona kunjalo, xa sijonga le misebenzi yophuhliso yonyaka ka-2008 ikhankanywe ngaphambili, kananjalo songeze ezi nkalo zizodwa zilandelayo:
Kwimeko eqhubekayo yokuhla kwamandla oqoqosho kwihlabathi liphela, sikongeza utyalo-mali lwethu kwizixhobo zokusebenza ngenjongo yokuphucula ukuzithemba kwabatyali-mali eKapa kunye nokubonelela ngeyona meko-bume yedolophu enokhuphiswano olufanelekileyo kwimisebenzi yoqoqosho. UNondyebo weSizwe ubhengeza ukuba uza kuqalisa inkqubo ekwafana nale yotyalo-mali kumjikelo wohlahlo-lwabiwo-mali lwalo nyaka.
ISixeko simisele iNkalo entsha ekuGxilwa kuyo yeSicwangciso-qhinga kwiSicwangciso esiHlangeneyo soPhuhliso salo nyaka, esinxulumene nokusetyenziswa ngokuzinzileyo kwamandla ombane eKapa. Esi sicwangciso silungiselelwe ukuxhasa uthatho-xanduva lokusingqongileyo kumacandelo emisebenzi esixeko, ngeenjongo ezizodwa zokucutha ukusetyenziswa kwamandla ombane kuMmandla weNqila yeKapa, kubekw'esweni ukumiselwa kwayo kubonelelo ngamandlaombane nesicwangciso sokutshintsha kwemozulu kwiSixeko, amanyathelo ongeziweyo okuqinisekisa ukhuseleko lwethu lwamandla ombane, kunye nokwandiswa konxibelelwano namaphulo okufundisa ngokungqonge utshintsho lwemozulu nemisebenzi esinzileyo yamandla ombane.
Ngokuphathelene nokhuselo nokhuseleko, iSixeko siza kongeza ugxininiso lwaso ekulweni nezenzo zolwaphulo-mtehtho ezingephi nokwaphulwa kwemithetho kamasipala. Siza kumisela umgaqo-nkqubo ojongene nokukhathalelwa kwezinto ezingephi nosetyenziswe ngempumelelo kwezinye izixeko kwihlabathi liphela. Ngokwenza imeko-bume yoluntu esingqongileyo ecocekileyo nebukekayo, sizimisele ukukhuthaza ukuhlonelwa komthetho nokwenza imeko-bume esingqongileyo enomtsalane. Ukuxhasa oku kuza kufuneka ukuba senze ngqingqwa uthungelwano lwethu locupho nge-CCTV, kwandiswe umthamo nobuchule bokusebenza kwamasebe onyanzeliso-mthetho nawezothutho yaye siqhubeke nokuphuhlisa amacandelo ethu emisebenzi ekhethekileyo ngenjongo yokujongana neentlobo ezithile zezenzo zolwaphulo-mthetho, ezifana nokusetyenziswa kakubi kweziyobisi nokonakalisw kwezixhobo zonikezelo ngeenkonzo kwiindawo zamatyotyombe.
ISixeko sizimisele ukuphucula iimeko zentlalo kubahlali beendawo zamatyotyombe. Kwenziwa iinzame ezenziwe ngamxhel'omnye ngenjongo yokuqinisekisa iqondo elamkelekileyo lezixhobo, indlela yokufikelela kwiinkonzo ezisisiseko zobunjineli nezinye iinkonzo ezinikezelwa siSixeko, ezifana neenkonzo zikaxakeka, ziyafumaneka kubahlali beendawo zamatyotyombe. Imililo neengozi zeempuphuma zeSixeko kwiindawo zamatyotyombe ikwiqondo eliphezulu yaye ngaphandle kweenkqubo neenkonzo eziphuculweyo ezifana neNkqubo yokuLungela uBusika, iSixeko kufuneka sikwaphucule umthamo waso wokujongana neemeko zikaxakeka. Ngokusisiphumo soko, iSixeko siza kumisela izicwangciso zaso zokucutha imingcipheko yentlekele nezokujongana neemeko zikaxakeka yaye siza kwandisa uMthamo wokusebenza kweZiko leSixeko loNcedo kwiimeko zikaXakeka.
INkalo yeSicwangciso-qhinga ekuGxilwe kuyo ye-8, ngokuphathelene nemithombo yoncedo lwezabasebenzi yeSixeko, inemilinganiselo emitsha ejoliswe ukongeza ukusebenza ngobuchule kombutho wethu emva kokumiselwa kweNkqubo yokuLungelelaniswa ngokutsha kweZiko kunye nesigaba sokuqala sokulinganiswa kwentlawulo. Kulo nyaka uzayo kuza kugxilwa ekulungelelaniswe ngokufanelekileyo kwezicwangciso-qhinga zabasebenzi bethu abalawulayo ngenjongo yokungqamanisa imisebenzi ephambili yethu yonikezelo ngeenkonzo, kunye nokubek'iliso kwimpumelelo yale nkqubo ngokuhamba kwexesha. Ngokwenza njalo, sizimisele ukufumanisa ukuba ingaba imilinganiselo yombutho wethu isebenza ngokufanelekileyo kangakanani na xa ithelekiswa nemilinganiselo yesizwe neyehlabathi. Ngaphezulu, siza kusebenzela ukuqinisekisa ukuba izixhobo zobuchwepheshe bolwazi nonxibelelwano zisetyenziswa kangangoko ukuzuzisa abo babonelelwa ngeenkonzo. Ndikholwa ukuba la maphulo aza kusinceda ukuba siziphumeze iinjongo zethu eziphambili zohlumo lwezoqoqosho olukhokelwa zizixhobo zokusebenza. Unalo ithuba lokuvakalisa izimvo zakho ngokuphathelene neSicwangciso esiphengululweyo nesiHlanganisiweyo soPhuhliso, kuqukwa nezi ziphakamiso zingasentla, yaye sikunqwenela ngamandla ukuva izimvo zenu.
Indima yoluntu kule nkqubo.
Olu xwebhu luyafumaneka kuwo onke amathala eencwadi, kwii-ofisi zamabhungana, kule dilesi yewebhusayithi: www.capetown.gov.za (iSicwangciso seMinyaka emi-5) ngokunjalo nakuzo zonke iihotele namaziko eendawo zokulala ufumane isidlo sakusasa, ukuze luphengululwe. Uluntu luza kubanakho ukuvakalisa izimvo zalo zisebenzisa
Izimvo ezibhaliweyo usebenzisa amaxwebhu eengxelo ezibuyayo. La maxwebhu ayafumaneka kwezi ndawo:
  kumathala eencwadi
  ISicwangciso, ukubandakanya abahlali emva, kuxwebhu lweengxelo ezibuyayo.
